Baye bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi, Koda kube nini na, Nkosi engcwele, oyinyaniso, ungagwebi, ungaliphindezeleli igazi lethu kwabo bemiyo phezu komhlaba? Banikwa bonke ngabanye iingubo ezinde ezimhlophe; kwathiwa kubo, basaya kuphumla ixesha elincinane, bade bazaliseke nabakhonza kunye nabo, nabazalwana babo, abaza kubulawa kwanjengabo.