Nika uThixo iNdawo yokuQalaIsampulu

Nika uThixo iNdawo yokuQala

Usuku 2 LWE 5

UThixo Ukunike Indawo yokuqala Entliziyweni Yakhe

Ungacinga ntoni xa ubani esithi kuwe uThixo ukubona ngokungathi zange wona? Inyaniso yile yokuba ngenxa yomsebenzi kaYesu wokuhlawulela emnqamlezweni, yiloo ndlela kanye uThixo akubona ngayo. NjengamaKrestu, sixolelwe, sihlanjululwe kwaye sikhululekile.

Loo nto ithetha ukuthi uyingcwele: umntu ofikelele kwindawo eyodwa yobulungisa kuKrestu. Ufezekile, ungcwele kwaye akunasiphene emehlweni kaThixo. Ukubiza umntwana wakhe, indlalifa yobumvuzemvuze bakhe kwanomhlobo wakhe.

“Kambe ke nina niluhlanga olukhethekileyo, ababingeleli basebhotwe, isizwe esinyulu, imilowo yakwaThixo. UThixo unikhethele ukuze nivakalise isidima nesihomo sakhe. Kaloku wanibiza nisebumnyameni, wanizisa ekukhanyeni okumangalisayo.”1 KAPETROS 2:9

Ukuyiqonda ngenene indlela uThixo akubona ngayo kuqala ekubeni thina simbona njani. UThixo akasijonganga emi kude elinde ukuba siphazame ukuze asohlwaye. Asiyonyani loo nto.

Qwalasela into ethethwa yile vesi:

“Kodwa bonke abâmamkeláyo, bezinikele kuye ngokupheleleyo, wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo. Ababanga ngabantwana bakaThixo ngokuzalwa bengabomlibo othile, okanye ngokuzalwa ngendlela yemvelo; nguThixo ngokwakhe obazeleyo.” UYOHANE 1:12-13

UThixo usibona ngabanye njengabantwana bakhe abaxabisekileyo. NguBawo onothando osithululela isisa nenkathalo ngenxa yemfesane yakhe engaphelendawo. Ezinye izibhalo kwiNgoma kaSolomon zibonisa ubunzulu obungakholelekiyo asithanda ngabo uThixo ngokuthi zithelekise olo thando nothando olushushu lwendoda nenkosikazi yayo. KumaHebhere 11:6 isixelela ukuthi uThixo uvuza abo bamfunayo.

UThixo ubabona ngabanye abantwana bakhe ngendlela eyahluke nzulu kuleyo inkoliso yethu izibona ngayo. Ukuyiqonda indlela uThixo asibona ngayo ngabanye kusekwe phezu komsebenzi uKrestu wawuqalayo ebomini bethu kanye xa sasisamkela usindiso.

“Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha.” 2 KWABASEKORINTE 5:17

“Nangona wayengenasono uKrestu, kodwa ngenxa yethu, uThixo wamenza wanenxaxheba kwisono sethu, ukuze thina sithi ngokumanywa naye sibe nenxaxheba ebulungiseni bukaThixo.” 2 KWABASEKORINTE 5:21

Le ndalo entsha ngumsebenzi kaThixo ongcwele: inguqu epheleleyo yemeko yomphefumlo wethu neyomntu ongaphakathi kuthi. Usixolele ngokupheleleyo isono sethu waza wasihlambulula kuso – kwixesha eladlulayo, elangoku nelizayo. Sikulwalamano olululo naye.

“…ulogxoth' izono zithi qelele kuthi njengempumalanga nentshonalanga.” IINDUMISO 103:12

Singabantu bakaThixo esima phambi kwakhe singenachaphaza lasono; ngenene njengoko ubulungisa bakhe ngomsebenzi kaYesu wenjenjalo emnqamlezweni. Ngenene uThixo usinike indawo yokuqala entliziyweni yakhe!

Usuku 1Usuku 3

Malunga nesi Sicwangciso

Nika uThixo iNdawo yokuQala

Ukunika uThixo indawo yokuqala ebomini bethu asiyonto yosuku olunye…..yinkqubo yobude bobomi bomKrestu ngamnye. Nokokuba umtsha elukholweni okanye “uligqala” lomlandeli kaKrestu, esi sicwangciso uza kusifumana silula ukusiqonda nokusisebenzisa, sikwabubuchule obuluncedo kakhulu bokuphila komKrestu ngoloyiso.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/