Nika uThixo iNdawo yokuQalaIsampulu

Nika uThixo iNdawo yokuQala

Usuku 1 LWE 5

Indawo kaThixo, iBhaso lam!

Indawo yokuqala – libhongo eligxilileyo labo bonke abengenela ukhuphiswano. Ingalukhuphiswano lomntu ngamnye okanye leqela, esona sikora siphezulu okanye ixesha siyaphumelela; kwaye indawo yokuqala isoloko isiza nebhaso eliphezulu kulowo ube nenyhweba yokugqwesa. Oko kukuthi, qho ngaphandle kwesinxaxhi esinye esibalulekileyo.

Phambi kosindiso lwethu, sidla ngokuba kwindawo yokuqala ebomini bethu – siyaziphilela, sizalisekisa amabhongo ethu ngokuzingca, sikhuthaza iajenda yethu. Kodwa xa sithi sibe ngamaKrestu, ukuba kwindawo yokuqala akusekuko okwethu, kokukaThixo.

Ukunika uThixo indawo yokuqala ebomini bethu kwaqala ngomhla wosindiso lwethu, kodwa ukuvumela uThixo ahlale engowokuqala kuwo onke amabakala obomi bethu yinto esoloko iqhubeka. Xa sisenjenjalo, siphila ubomi obuzalisekileyo nobusikelelekileyo kuKrestu apha ehlabathini, kwaye sifumana ilifa lobomi baphakade beentsikelelo ezingathethekiyo noThixo eZulwini naphakade.

Usuku 2

Malunga nesi Sicwangciso

Nika uThixo iNdawo yokuQala

Ukunika uThixo indawo yokuqala ebomini bethu asiyonto yosuku olunye…..yinkqubo yobude bobomi bomKrestu ngamnye. Nokokuba umtsha elukholweni okanye “uligqala” lomlandeli kaKrestu, esi sicwangciso uza kusifumana silula ukusiqonda nokusisebenzisa, sikwabubuchule obuluncedo kakhulu bokuphila komKrestu ngoloyiso.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/