Nika uThixo iNdawo yokuQalaIsampulu

Nika uThixo iNdawo yokuQala

Usuku 3 LWE 5

UThixo Ufuna Indawo Yokuqala Entliziyweni Yakho

Kuluntu lwanamhlanje, uninzi lwabantu ixabiso labo balibeka ebutyebini, ekubeni baphezulu kngakanani na “kwiqumrhu,” liphumelele kangakanani na ishishini labo, okanye nje bazi bani.

Kodwa okokuba uluvo lwethu lokuba lulutho lusekwe phezu kwezi zinto, siza kumandelwa kukuphumelela kuzo. Xa ubutyebi bethu nempumelelo busihla, nexabiso lethu nalo liza kuhla kuba isiseko sethu asiqinanga. UYesu le nto uyichaza ngolu hlobo:

“Kodwa yena owavileyo amazwi am waza akawenza ufana nomntu owakha indlu kumhlaba ongenasiseko. Kwathi ke, kwakubakho isikhukula iimpuphuma zagaleleka kuloo ndlu yadilika yawa kwangoko, yadilika didlii.” ULUKA 6:49

Ubuni bethu buqine ngokwesiseko sabo sithi. Ngokuseka ubuni bethu phezu kwesiseko esiluqilima esinguYesu Krestu, ukuzaliseka kwethu ebomini akusayi kuxhomekeka ekuguqukeni kwemeko yezinto ezidlulayo zehlabathi.

Xa uKrestu esisiseko sethu, ukuzinza kwethu kumi ngolu hlobo:

“Kufana nomntu owayesakha indlu, waza wemba ngokunzulu, wenza isiseko samatye. Kwathi ke, kwakubakho isikhukula iimpuphuma zagaleleka kuloo ndlu, zaza azaba nako ukuyishukumisa, kuba yayakhiwe ngokufanelekileyo.” ULUKA 6:48

Cinga okomzuzwana ngezinto ezinininzi onokuzikhetha ebomini onokwakhela phezu kwazo isiseko esilulutho. Ezi zinto zisenokuquka ubutyebi, umsebenzi, inkangeleko, usapho, udumo, amandla okanye umntu omaziyo. Zikhona ezinye onokuzicinga? Kuzo zonke izinto esinokuseka ubuni bethu kuzo, nguYesu kuphela osiqinisekisa ngoloyiso lokuphila ubuKrestu.

Kodwa okokuba uhlola ezinye izinto onokuzikhetha, azikho ezimbi okanye ezingcole ngokunokwazo. Eneneni, ngeendlela ezininzi, ngamabakala abaluleke ngeyona ndlela oxanduva uThixo asinike lona ebomini bethu. Kodwa kwincwadi kaMatewu, uYesu usinceda ukuba sifumane ukulingana kwezinto.

“Kungoko ndisithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni nisele ntoni.Kwanomzimba wenu ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo. Khaniqwalasele iintaka; Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla..Ke kukangakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!” MATEWU 6:25-26

Xa sisombulula le nyaniso ebomini bethu, sifumana uxolo nenzaliseko, singabi naxhala nakukhathazeka. Oku kulingana kwezinto sikufumana ngokubeka uYesu kuqala kuwo onke amabakala obomi bethu.

“Kodwa funani ubulumko nobulungisa bakhe kuqala, kwaye zonke ezi zinto nazo niza kuzinikwa.” MATEWU 6:33

Sonke sinamaphupha, iinjongo nolangazelelo kuba uThixo usidale ngolo hlobo. Kodwa ukubeka uYesu kuqala kumele ukukukhokelela ekubeni uhlole izinto nezizathu zakho ezibangela ukuba wenze okanye ufumane izinto ozilangazelelayo. Xa engowokuqala kumaphupha nakulangazelelo lwakho, ikamva lakho liza kuzala bubukhulu novuyo!

Xa uThixo ekulumkisa ngenjongo engaqondakaliyo, eyona mpendulo yakho ibalulekileyo imele ibe kukuvuma ukwenza iinguqu. Maxawambi inguqu inganobunzima, kodwa uThixo usoloko esicingela okuhle kakhulu, kwaye ufuna ukhule emphefumlweni.

Usuku 2Usuku 4

Malunga nesi Sicwangciso

Nika uThixo iNdawo yokuQala

Ukunika uThixo indawo yokuqala ebomini bethu asiyonto yosuku olunye…..yinkqubo yobude bobomi bomKrestu ngamnye. Nokokuba umtsha elukholweni okanye “uligqala” lomlandeli kaKrestu, esi sicwangciso uza kusifumana silula ukusiqonda nokusisebenzisa, sikwabubuchule obuluncedo kakhulu bokuphila komKrestu ngoloyiso.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/