Nika uThixo iNdawo yokuQalaIsampulu

Nika uThixo iNdawo yokuQala

Usuku 4 LWE 5

Ukoyisa amaDabi oBomi ngoNcedo lukaThixo

Kukho idabi ebudeni bobomi eliliwayo ebomini bethu. Kwelinye icala yimpembelelo yalaa meko yesono indala – laa mikhwa midala esoloko ilengalenga, izilingo nezono ekube nzima ukuba sizoyise. Ekuhambeni kwexesha ngokuya sikhula kuhambo lwethu noThixo, impembelelo yemeko yesono iyadamba. Kanti kwelinye icala yimpembelelo ekhulayo yobukho boMoya oyiNgcwele ebomini bethu. Ezi zizinto ezimbini ezinamandla njengoko zichazwa KumaGalati:

“Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala. Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza.” KUMAGALATI 5:16-17

Ilizwi likaThixo lisikhuthaza ukuba “siphile ngoMoya,” Ngamanye amazwi, kufuneka sivumele impembelelo yoMoya oyiNgcwele yoyise impembelelo yemeko yesono ebomini bethu.

Ngamaxesha amaninzi, le nto kulula ukuyithetha kunokuyenza. Imeko yethu yesono isiqhubela ekubeni senze izigqibo ezikholisa amabhongo nokuvutheka okuzingcayo. Le nto ibizwa isilingo, kwaye EkaYakobi iyichaza ngolu hlobo:

“Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena. Isilingo sivela ngokuthi umntu alukuhlwe yiminqweno yakhe egwenxa.” EKAYAKOBI 1:13-14

De kwelethu icala sibe senze isigqibo sokoyiswa sisilingo le nto iba sisono.

“Loo minqweno yakhe ke iyakhawula, izale isono. Isono ke sona sithi sakuba nentshebe, sizale ukufa.” EKAYAKOBI 1:15

Kodwa ummangaliso ngulo wokuba njengenxalenye yothando olunzulu kwanesisa sikaThixo kuwo onke amaKrestu, uThixo uyasixolela asihlambulule kuzo zonke izono zethu. Sixolewa ngokupheleleyo.

“Ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.” 1 KAYOHANE 1:9

Kodwa isekhona ingozi yokuvumela isono sizitabhathele. Noxa uThixo esixolela kwaye esihlambulula, ngokungeyomfuneko uyazidenda iziphumo neemeko ezitshabalalisayo ezishiywa ngemva sisono. Noxa uThixo eya kusoloko esinceda ngamaxesha anzima, nokuba na akho ngenxa yezigqibo zethu, eyona yona nto sinokuyenza kukwenza konke esinako ukungazenzi ezo zigqibo zisuka.

1 kwabaseKorinte uchaza imiba emibini yokujongana ngamandla nesilingo kwanesono:

“Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.” 1 KWABASEKORINTE 10:13

Okokuqala kukuba asisodwa kwingxaki yethu. Yaziniinto yokuba kukho amanye amakholwa, akukhathaliseki nokuba iintsuku zingama 30 okanye iminyaka ingama 30 ehamba noThixo, asajijisana nesono nesilingo esifana nesakho.

Okwesibini, kukuba uThixo akasayi kusivumela silingwe kude kufikelele ngaphezu kwalapho singakwazi kwenza sigqibo ukuze siphephe isono. Uya kusoloko ebonelela ngendlela yokuphuncuka. Umsebenzi wethu, unomngeni unjalo, kukuba sifune indlela yokuphuma kweso sithokothoko sesilingo sethu.

Eli candelo lilandelayo libonelela ngobuchule obusekwe eBhayibhileni bokunjongana ngamandla nesono kwanesilingo.Ukusebenzisa esi sicwangciso yenye indlela yokunika uThixo indawo yokuqala ebomini bakho,

Usuku 3Usuku 5

Malunga nesi Sicwangciso

Nika uThixo iNdawo yokuQala

Ukunika uThixo indawo yokuqala ebomini bethu asiyonto yosuku olunye…..yinkqubo yobude bobomi bomKrestu ngamnye. Nokokuba umtsha elukholweni okanye “uligqala” lomlandeli kaKrestu, esi sicwangciso uza kusifumana silula ukusiqonda nokusisebenzisa, sikwabubuchule obuluncedo kakhulu bokuphila komKrestu ngoloyiso.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/