Nika uThixo iNdawo yokuQalaIsampulu

Nika uThixo iNdawo yokuQala

Usuku 5 LWE 5

Ubuchule baManqaku amaHlanu okuPhila kuLoyiso

Eli candelo linobuchule bamabakala amahlanu asekwe phezu kweBhayibhile okujongana ngamandla nesono kunye nesilingo. Ukusebenzisa esi sicwangciso yenye indlela yokunika uThixo indawo yokuqala ebomini bakho!

1. YIQONDE INTO YOKUBA UTHIXO UKUBONA UNGUMNTU OFEZEKLEYO, ONGCWELE NONGENASIPHENE, ngomsebenzi kaYesu Krestu. (Funda u2 kwabaseKorinte 5:21). Kumaxa amaninzi isazela nehlazo zezona ziphumo zesono ezibulalayo. Ukuyiqonda into yokuba akukho kulahlwa kwabo bakuKrestu, kungakhathaliseki nokuba benze isono, kungundoqo woloyiso (KwabaseRoma 8:1)

2. ZIVUME IZONO ZAKHO (funda u1 kaYohane 1:9). Ukuvuma kwethu isono kuthetha ukuthi ezo zono siyazivuma kuqala ezintliziyweni nasezingqondweni zethu, sandule ke ukuzivuma kuThixo. Ukuvuma izono zethu akuthi uzibhengeza kwabanye abantu. Ukuvuma isono yinto ephakathi kwakho noThixo.

3. MELA (funda EkaYakobi 5:16) Ukuba nomhlobo osenyongweni omthembileyo ongumKrestu, uphasta, okanye ilingu losapho onokuxela ihlebo kulo yindlela engamandla yokungenisa edabini ukukwazi ukumela into nenkxaso yomthandazo.

4. PHEPHA IMITHOMBO YEZILINGO (funda EkaYakobi 1:13-15). Eli lelona bakala elinomngeni wokulisebenzisa, kwaye lifuna ingqondo nokucwangcisa okuyilayo. Inyaniso yile yokuba ukuba ungasiphepha isilingo, ungasiphepha isono.

5. FUNDA ILIZWI LIKATHIXO (funda iNdumiso 119:11) Ilizwi likaThixo lisixelela ukuba “ngokulifihla entliziyweni yethu,” lisomeleza ngokukodwa ukuthi hayi kwisilingo nesono.

Usuku 4

Malunga nesi Sicwangciso

Nika uThixo iNdawo yokuQala

Ukunika uThixo indawo yokuqala ebomini bethu asiyonto yosuku olunye…..yinkqubo yobude bobomi bomKrestu ngamnye. Nokokuba umtsha elukholweni okanye “uligqala” lomlandeli kaKrestu, esi sicwangciso uza kusifumana silula ukusiqonda nokusisebenzisa, sikwabubuchule obuluncedo kakhulu bokuphila komKrestu ngoloyiso.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/