1
IGENESIS 1:26-27
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Wathi uThixo, Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi. Mababe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni ezizitho ziné, nasemhlabeni wonke, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzela emhlabeni. Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana.
Vergelyk
Verken IGENESIS 1:26-27
2
IGENESIS 1:28
Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.
Verken IGENESIS 1:28
3
IGENESIS 1:1
Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nehlabathi.
Verken IGENESIS 1:1
4
IGENESIS 1:2
Ke ehlabathini kwakusenyanyeni, kuselubala; kwakumnyama phezu kwamanzi enzonzobila. UMoya kaThixo wafukama phezu kwamanzi lawo.
Verken IGENESIS 1:2
5
IGENESIS 1:3
Wathi uThixo, Makubekho ukukhanya.
Verken IGENESIS 1:3
6
IGENESIS 1:31
Kwaba njalo. Wakubona uThixo konke akwenzileyo, nanko, kulungile kunene. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesithandathu.
Verken IGENESIS 1:31
7
IGENESIS 1:4
Kwabakho ke ukukhanya. Wakubona ke uThixo ukukhanya ukuba kulungile, wahlula uThixo phakathi kokukhanya nobumnyama.
Verken IGENESIS 1:4
8
IGENESIS 1:29
Wathi uThixo, Yabonani, ndininikile yonke imifuno evelisa imbewu, esemhlabeni wonke, nayo yonke imithi eneziqhamo zemithi evelisa imbewu: yoba kukudla kuni.
Verken IGENESIS 1:29
9
IGENESIS 1:5
Wathi uThixo ukukhanya yimini, wathi ubumnyama bubusuku. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wokuqala.
Verken IGENESIS 1:5
10
IGENESIS 1:6
Wathi uThixo, Makubekho isibhakabhaka phakathi kwawo amanzi, sibe ngumahlulo wokwahlula amanzi kumanzi.
Verken IGENESIS 1:6
11
IGENESIS 1:30
Nezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, neentaka zonke zezulu, nezinambuzane zonke ezisemhlabeni, ezinomphefumlo ophilileyo, ndiziniké yonke imifuno eluhlaza ukuba ibe kukudla.
Verken IGENESIS 1:30
12
IGENESIS 1:14
Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zibe ngumahlulo wokwahlula imini kubusuku; zibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha amisiweyo, zibe zezemihla neminyaka
Verken IGENESIS 1:14
13
IGENESIS 1:11
Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume uhlaza, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo, eyenza iziqhamo ngohlobo lwayo, embewu ikuyo, emhlabeni.
Verken IGENESIS 1:11
14
IGENESIS 1:7
Wasenza uThixo isibhakabhaka, wawahlula amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka kuwo amanzi angaphezu kwesibhakabhaka. Kwaba njalo.
Verken IGENESIS 1:7
15
IGENESIS 1:12
Kwaba njalo. Umhlaba waphuma uhlaza, nemifuno evelisa imbewu ngohlobo lwayo, nemithi eyenza iziqhamo, embewu ikuyo, ngohlobo lwayo. Wabona uThixo ukuba kulungile.
Verken IGENESIS 1:12
16
IGENESIS 1:16
Wenza uThixo izikhanyiso ezikhulu zazibini, esona sikhulu isikhanyiso ukuba silawule imini, esona sincinane isikhanyiso ukuba silawule ubusuku; wenza neenkwenkwezi.
Verken IGENESIS 1:16
17
IGENESIS 1:9-10
Wathi uThixo, Amanzi angaphantsi kwamazulu makahlanganiselwe ndaweni-nye, kubonakale okomileyo. Kwaba njalo. Wathi uThixo okomileyo ngumhlaba, wathi intlanganisela yamanzi ziilwandle. Wabona uThixo ukuba kulungile.
Verken IGENESIS 1:9-10
18
IGENESIS 1:22
Wazisikelela uThixo, esithi, Qhamani, nande, niwazalise amanzi aselwandle; zithi iintaka zande ehlabathini.
Verken IGENESIS 1:22
19
IGENESIS 1:24
Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo: izinto ezizitho ziné, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo.
Verken IGENESIS 1:24
20
IGENESIS 1:20
Wathi uThixo, Amanzi la makanyakazele inyakanyaka, imiphefumlo ephilileyo; zithi neentaka ziphaphazele ehlabathini, esibhakabhakeni sezulu.
Verken IGENESIS 1:20
21
IGENESIS 1:25
Kwaba njalo. Wenza uThixo izinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo, nezinto ezizitho ziné ngohlobo lwazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile.
Verken IGENESIS 1:25
Tuisblad
Bybel
Leesplanne
Video's