Ibhayibhile YeyabanaIsampulu
Senziwe ngubani? iBhayibhile. Ilizwi lika Thixo, isixelela ukuba isizwe senziwa kudala. UThixo wadala umntu wokuqala wamthiya ngokuba nguAdam. UThixo wabumba umntu ngothuli wasemhlabeni wamphefumlela emathatheni akhe imphefumlo yobomi, umntu wabangu mphefumlo ophilileyo. Umntu wazifumane sele esemyezweni omhle oyiEden.
Ngaphambi koba uThixo enze uAdam, wenza ihlabathi elihle elizaliswe izinto ezimangalisayo. Kancinci kancinci uThixo wenza iindulana nemithebelele, intyatyambo ezimavumba amnandi nemithi emide, neentaka ezintsiba mabalabala neenyosi ezivuvuzelayo, kunye nosinyeke. Phofu ke uThixo wadala yonke into ekhoyo – yonke into.
Ekuqalekeni phambi kokuba uThixo adala izinto zonke kwakusenyanyeni kungekho nto ngaphandle kwakhe. Kwakungekho mntu, zilwanyana kungekho kukhanya okanye ubumnyama kungekho kunyakazela nazintshukumo, kungekho zolo namhlanje nangomso, ibinguThixo yedwa ongenasiqalo waze waqala wasebenza wadala.
Ekuqalekeni uThixo wadala izulu nomhlaba.
Ke ehlabathini kwakusekusenyanyeni kuselubala, kwakumyama phezu kwamanzi kwenzonzobila. Wathi uThixo makubekho ukukhanya.
Kwabakho ke ukukhanya. UThixo wakubizan ke ukukhanya imini ubumnyama wathi bubusuku. Kwahlwa kwasa yalusuku lokuqala.
Ngosuku lwesibini uThixo wahlanganisa amanzi angaphantsi kwamazulu. Ngosuku lwesithathu, wathi uThixo, “Okomileyo ngumhlaba.” Kwabanjalo.
Wathi uThixo umhlaba mawuphume uhlaza, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo, eyenza iziqhamo ngohlobo lwayo. Kwahla kwasa yangumhla wesithathu.
UThixo wenza ilanga, inyanga neenkwenkwezi ezinintsi ezingabalekiyo. Kwahla kwasa yangumhla wesine.
Izilwanyana zase lwandle, iintlanzi, oominenga banyakazela elwandle neentaka zezulu zaphaphazela phezu komhlaba, zalandela eluhlwini lwaka Thixo. Kwahla kwasa yangumhla wesihlanu.
Emva koko uThixo wathetha wathi, “Umhlaba mawuphume imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo: izinto ezizitho zine, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba.” kwaye kukho inlovu ezishukumisa umhlaba inkawo ezindwebileyo nengwenya ezoyikekayo> imisundululu enyakazelayo nezinye intlobo ezininzi. Kahlwa kwasa yangumhla wesithandathu.
UThixo wenza enye into ebalulekilyo kakhulu ngomhla wesithandathu. Yonke into yayise imlungele umntu. Kwakuhona ukutya emasimini nezilwanyane nazo zilungele ukukumkhonza. UThixo wathi Masenze umntu ngokomfanekiselo nkufana nathi. Makabe noukhosi ezintlanzini zolwandle nasezintakeni zezulu nasezintweni ezizitho zine nasezinambuzaneni. Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo Wakhe.
UThixo wathetha kuAdam wathi “Yidlani konke okusemyezweni kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi ningadli, ukuba nidlile kuwo umthi nakufa.”
UThixo wathi, akulungile ukuba umntu ibeyedwa. Wathi ndakumenzela umncedisi onguwabo. UThixo wazizisa izinto zonke eziphilayo phambi koAdam iintaka zezulu nezilwanyana waza uAdam wazithiya amagama zonke. Kodwa pphakathi kwazo zonke izilwanyana neentaka zezulu akaubangakho nanye efanele ukuba ngumlingane wakhe.
UThixo wawisa ubuthongo obukhul phezu koAdam walala. Wathabatha lwalunye ezimbanjeni zakhe wavingca ngenyama esikhundleni salo.
UThixo wadala izinto zonke ngentsuku ezintandathu. Waza walusikelela usuku lwesixhenxe waza awlwenza usuku lokuphumla. Emyezweni wase Edeni uAdam nomkakhe uEfabenolonwabo olukhulu behlonele uThixo. UThixo enyinkosi yabo umboneleli kunye nesihlobo sabo.
Isiphelo
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Konke kwaqala kanjani? Sivelaphi? Kungani kukhona usizi oluningi emhlabeni? Ingabe ikhona ithemba? Ingabe kukhona ukuphila ngemva kokufa? Thola izimpendulo njengoba ufunda lomlando weqiniso wezwe.
More
Sithanda ukubulela iBible for Children, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://bibleforchildren.org/languages/xhosa/stories.php