Ibhayibhile YeyabanaIsampulu
UTHIXO WAKWENZA KONKE! Xa Thixo wena umntu wokuqala uAdam wahlala emyezweni nomkakhe uEfa. Babonwabile behlonele uThixo bevuyela ubukho bakhe de kwaminazana ithile ..
“Ingaba uThixo umiyalele na ukuba ningadli kweminye imithi?” yabuz yatsho inyoka kuEfa. Singadla kuzo zonke iziqhamo ngaphandle komthi omnye ukua siwudlile sakufa “waphendula watsho.” “Anukufa” Yaqhosha yatsho inyoka. “Nakufana naye uThxo” UEfa wasinqwenela isiqhamo salo mthi. Waphulaphula inyoka waza wadla isiqhamo.
Emveni kokungawuthobeli umthetho ka Thixo wahenda uAdam ukuba adle naye isiqhamo. Naye uAdam ngewayethe “Hayi andiyikungawuthobeli umthetho kaThixo.”
Bathi bakuba bonile uAdam no Efa babona ukuba baze. Bazithungela izigqumatheli ngamagqabi omthi wefiya bazigquma ngazo bazimela ngetyholo bebaleka ebusweni buka Thixo.
Khuthe sekusihlwa ekupholeni kwelanga UThixo wehlela ngasemyezweni. Abe esazi ukuthi uAdam nomkakhe uEfa benzentoni. UAdam uthe umfazi ondinike yena. UEfa wathi inyoka indikhohlisile wathi uThixo “enyokeni uqalekisiwe, umfazi uyakuva intlungu ekuzalweni kwa bantwana bakho.” Adam ngokuba wonile ndiyawuqalekisa umhlaba ngameva nomqaqoba. Uyakudla ukubila kwebunzi lakho.
UThixo wenza ikrele lomlilo wabakhupha emyezweni kuba bonile bohlukaniswa kuThixo umniki bomi.
UThixo wenza ikrele lomlilo wabakhupha emyezweni. UThixo waze wabenzela izambatho ngesikhumba sebhokhwe. Wayezithathaphi uThixo izikhumba.
Ethubeni uAdam noEfa bazala abantwana Unyana wokuqala Khayeni owayengumlimi nowesibini uAbheli uwayengumfama. Ngaminazana ithile uKhayeni wezisa imifuno yedini elinyukayo. UAbheli wezisa naye umnikelo wezona zimvu zityebileyo phambi koThixo. UThixo woneliseka kahulu ngumnikelo kaAbheli.
UThixo akazange oneliseke ngumnikelo kaKhayeni. UKhayeni wabanomsindo kakhulu. Kodwa uThixo wathi kuye “Ukuba wenza okuhle uyakwamkeleka.”
Umsindo kaKhayeni awuzange uphele. Bathe besendle wamhlasela uAbheli waza wabulala.
UThixo wthetha kuKhayeni wathi “Uphi umninawa wakho uAbheli” wathi keke yena ukuphendula “Ndingumgcini womninawa wam kusinina andimazi” watsho exoka. UThixo wamohlwaya uKhayeni ngokumqalekisa wawuthabatha umhlaba elulawulweni lwakhe nesipho sokukwazi ukulima waza wamqalekisa abesisibhadubhadu.
UKhayeni wesaba phambi kobuso bukaThixo. Waza watshata nodade wabo intombi kaAdam noEfa baze banosapho. Kwakamsinyane isizukulwana sikaKhayeni sanda saze sagcwalisa umhlaba ayeme kuwo.
Kwangeloxa, intsapho kaAdam yanda ngokukhawuleza ngalomaxesha abantu babephila ithuba elide kunanamhlanje.
Ukuzalwa kukanyana wakhe uSeti uEfa wathi “uThixo undinike uSeti endaweni kaAbheli.” USeti ke wayemkhona kakhulu uThixo waphila iminyaka eyi 912 wazala abantwana abaninzi kahulu.
Ehlabathini abantu baya bekhohlakala ngokukhohlakala kwizizukulwana ngezizukulwana ezilandelanayo. UThixo waza wamthsabalalisa umntu nazo zonke izilo neentaka. UThixo wazisola ngokudala kwakhe umntu. Kodwa yabnye nje indoda eyamkholisayo uThixo.
Loo ndoda nguNowa. Umlibo ka seti, uNowa wayelilungisa engenasici. Wayehamba noThixo. Waye wabafundisa noonyana bakhe abathahu ukumthobela uThixo. UThixo waza waceba ukumsebenzisa uNowa ngendlela engaqhelekanga nekhethekileyo kakhulu.
Isiphelo
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Konke kwaqala kanjani? Sivelaphi? Kungani kukhona usizi oluningi emhlabeni? Ingabe ikhona ithemba? Ingabe kukhona ukuphila ngemva kokufa? Thola izimpendulo njengoba ufunda lomlando weqiniso wezwe.
More
Sithanda ukubulela iBible for Children, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://bibleforchildren.org/languages/xhosa/stories.php