Ibhayibhile YeyabanaIsampulu

Ibhayibhile Yeyabana

Usuku 4 LWE 7

Kude kudala uThixo wathumela ngelosi uGabriyeli kwintombiambazana yomJuda egama lingy Mariya. Yathi kuye “Uyakufumana unyana umbize ngokuba nguYesu.” Uyakubizwa ngokuba ngunyana woseNyangweni. Uyakuphatha ngonaphakade.

“Kungenzeka njani na oku.” I ntokazi yothkile yabuza. “Andazani nandoda ebomini” Ingelosi yathi kuMariya umntwama uyakuvela kuThixo. Akuyikubakho tata ongumntu waseyameni.

Ingelosi yamxelela uMariya ukuba umzala wakhe uElizabhete umzala wakhe naye uzakuba nomntwana ebudaleni bakhe. Bobabini bamdumisa uYehova.

UMariya wayezautshata nomfana ogama lingeYosefu. UYosefu wadana akufumanis a ukuba uMariya ukhulelwe. Wacinga ukuba umntwana lowo ngowenye indoda.

Ephupheni, ingelosi kaThixo yamxelela uYosefu ukuba lomntwana ngunyana kaThixo. UYosefu wayezakuncedisana noMariya ukugcina umntwana.

UJosefu wayemthembile emthobela uThixo. Kwaye wayeyithobele nemithetho yesizwe sakhe. Ngenxa yemiithetho emitsha, yena noMariya balishiya elakowabo iBhetelehem besiyakuhlawula tekisi.

Mariya wayekulungela ukuba nomntwana. Kodwa UYosefu wayengalifumani igumbi okubelekela. Iindawo zabahambi zonke zazigcwele.

UYosefu wafumana isitsli samahashe. Nalo usana uYesu uzelwe. Unina wambeka estalini apho kuekwa khona ukutya kwezilwanyana.

Kufutshane apho kwakukho abelusi beluse izimvu zabo. Isithunywa senkosi sabavelela sabaxelela iindaba ezilungileyo. “Khuzelwe umthana endaweni yak ha Davide umsindisi inkhosi, nezo thola umthana ulele endaeni yezinkhomo.”

Kwasuka ngesaquphe esikhulu inkitha yomkhosi wasemazulwini idumisa uThixo isithi, “Uzuko kuThixo enyangweni uxolo emhlabeni inkolelo ebantwini.”

Abelusi besuka ngokugxama okukhulu baya esitalini. Emveni kokumbona umntwana uYesu bayabikela wonke indaba ezilingileyo abazixelelweyo yingelosi zokuzalwa kukaYesu.

Emveni kwentsuku ezingamashumi anane uJosefa noMariya bamzisa uYesu etempileni eJerusalem. Apho indoda egama linguSimon wadumisa inkosi ngokuzalwa komntwana. Bonke babemazi ukuba uYesu ngunyana kaThixo, isithembiso Somsindisi. UYosefu wezisa umnikelo wamahobe amabini. Lowo yayingumnikelo ngokomthetho kaThixo ukuba abantu abahluphuekaya banikele xa kuzelwe umntwana.

Emveni kwexesha kwavela inkwenkwezi ikhokele izazi ziphuma empuma yelaseJerusalem. “uphi lowo uzelweyoikumkani yamaJuda?” Zabuza zatsho. “Size kumnqula.”

Ukumkani uHerode weva ngezindaba ezixelelwa zizazi. Wakhathazeka wathi kubo bazokumxelela xa bemfumene uYesu. “Nam ndifuna ukuya kumnqula.” Kodwa wayexoka uHerodenwayefuna ukumbulala uYesu.

Inkwenkwezi yakhokelela izazi kwindlu apho uYosefu nMariya noYosefu bebehlala khona nomtwana uYesu. Zawa phantsi zaguqa ngamadolobemnqula baze banikela ngezipho igolide, imore nentlaka emhlophe.

UThixo wazilumkisa izazi ukuba zibuyele ekhaya ngenye indlela. UHerode wabanomsindo. Ezimisele ukumbulala uYesu lo kukmkani ukhohlakeleyo wabulala onke amakhwenkwana aseBhetelehem.

Kodwa uHerode wayengena kumbulala unyana kaThixo. Belunyukisiwe ephupheni, uYosefu wayhathanuMariya noYesu baya eJiphutha.

Emva kokufa kuka kumkani uHerode, uJosefu uMaria noYesu babuyela eYiphutha. Bayakuhlala kwisixeko saseNazarethe ngaselwndle lwaseGalili.

Isiphelo

Usuku 3Usuku 5

Malunga nesi Sicwangciso

Ibhayibhile Yeyabana

Konke kwaqala kanjani? Sivelaphi? Kungani kukhona usizi oluningi emhlabeni? Ingabe ikhona ithemba? Ingabe kukhona ukuphila ngemva kokufa? Thola izimpendulo njengoba ufunda lomlando weqiniso wezwe.

More

Sithanda ukubulela iBible for Children, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://bibleforchildren.org/languages/xhosa/stories.php