Ibhayibhile YeyabanaIsampulu

Ibhayibhile Yeyabana

Usuku 5 LWE 7

Inenekazi limile kwindulana exokozelayo, amehlo akhe anosizi ejonge umbono olusizi. Unyana wakhe esifa. Umama yayinguMary, eme ecaleni kwendawo apho uYese wayebethelelwaekhona emnqamlezweni.

Kwenzeka njani konke oku. Kwenzenzeka njani ukuba ubomi bukaYesu buphele kabuhlungu ngoluhlobo. Kwenzeka njani ukuba uThixo ayeke unyana wakhe abethelelwe ngoluhlobo emnqamlezweni. Ngaba uYesu wenza impazamo ngokuziveza ukuba ngubani. Ingaba uThixo waphanza.

Hay! uThixo akaphanzanga. UYesu akenzanga mpazamo. UYesu wayazi ukuba uzakubulawa ngabantu abakhohlakeleyo. Naxa wayengumntwana uYesu, indoda endala enguSimoni waxelela uMariya ukuba kukho ukuhlupheka okukhulu okuzayo.

Kwintsuku ezimbalwa phanbi kokufa kuka Yesu, intokazi ethile yeza yathambisa iinyawo zikaYesu ngesiqholo. “Wayechitha imali,” batsho njalo abafundi bakaYesu. “Wenze umsebenzi omhle ‘ watsho uYesu.” uyenzele umngcwabo wam. Lawo ngamazwi amangalisayo.

Emva koku uJudas, omnye wabafundi bakaYesu abalishumi elinambini, wavuma ukungcatsha uYesu emthengisa kubaPristi ngengqekembe ezingamashumi amathathu zesilivere.

Kwisidlosepasika, uYesu wadla isidlo Sakhe sepasika nabafundi bakhe. Wababalisela bgezinto ezintle ngoThixo nezithembiso zakhe anazo kwabo bamthandayo. UYesu wabanika isonka kunye newayini babelane ngazo. Oku yayikukukhumbuza ukuba igazi likaYesu nomzimba wakheukuze izono zixolelwe.

UYesu wazixelela izihlobo Zakheukuba uzakungcatshwa, bona bazakubaleka. “Soze ndibaleke,” uPetrose watsho. Inkukhu ingekakhali kathathu uyakundikhanyela, watsho uyesu.

Ngobo busuku, uYesu wayakuthandaza entsimini yaseGetsemane. Abafundibakhe ababekunye naye balala. “Bawo wathandaza watsho uYesu, maidlule le ndebe . Kodwa kungabiyontando Yam kodwa ibe yeYakho.”

Ngesiquphe igquba labantu langena entsimini, likhokhelwe nguJudasi. UYesu akazange ale kodwa uPetrosi wanqumla indlebe yomnye. uYesu wayithatha wayibuyisela wamphilisa. UYesu wayeyazi ukuba ukubanjwa kwakhe kwakuyintando kaThixo.

Indimbane yamthabatha uYesu yamsa endlwini yomPristi omkhulu. Apho inkokheli zamaJuda zathi uYesu makafe. Kufutshane apho uPetrosi wayemile ecaleni komlili wesicaka ebukele. Amathuba amathathu abantu bamjonga uPetrosi besithi ubukunye noYesu. Abathuba amathathu wamkhanyela njengokuba uyesu watshoyo. Wada waqalekisa waza wathukisela.

Ngeloxa inkukhu yakhonya. Yabangathi lilizwi likaThixo kuPetrosi. Ekhumbula amazwi kaYesu, uPrtrosi walila kaabuhkungu.

UJudas wabalusizi, Eayeyazi ukuba uYesu akanatyala kwaye engenasona santoUJUdasi wathabatha ingqekembe ezingamashumi amathathu wazibuyisela kubaPristi. kodwa abazange bazithathe. UJudasi wayilahla phantsi imali wemka – wazixhoma.

Abapristi banzisa uzyesu phambi koPilato, iRhuluneli yakwaRoma. UPilato wathi, “andifumani sono kuloMntu.” Kodwa isihlwele sakhwaza “Mbethelele Mbethelele”.

Ekugqbeleni uPilato wanikezela, waza wamgweba uYesu ukuba makabulawe axhonywe emnqamlezweni. Amajoni amnqinda amtshicela ebusweni bamtywatyusha. Benza umqhele okhohlakeleyo ngameva amade abukhali baza bawunyanzela entloko Kuye. Baza bambethelela emnqamlezweni womthiukuze afe.

UYesu wayesazi kakade ukuba uuakufa ngolohlobo. Wayesazi kananjalo ukuba ukufa Kwakhe kuyakuzisa uxoleko lwezono kwabo babekithemba labo Kuyez. Izihange ezibini zazixhonywe ngakuYesu. Omnye wayekholelwa kuYesu- waya eParadesi. Omnye akazange.

Emveni kweyure zentlupheko. uYesu wathi, “KUGQIYIWE”. Umsebenzi wakhe wawu gqityiwe. Izihlobo zakhe zamngcwaba kwingcwaba elilodwa.

Amajoni amaRoma alitywina aze alilinda ingcwaba. Kungekho mntu okwaziyo ukungena okanye ukuphuma kulo.

Ukuba yayisisiphelo sebali esi, kwakuyakubalusizi olunjani. Kodwa uThixo wenza into emangalisayo. UYesu zamge ahlale efile.

Ekuseni nomhla wokuqala weveki, abanye kubafundi bakaYesu bafumans ilitye liqengqiwe lisusiwe engcwabeni, Bathi bakujonga ngaphakathi bafika engasekho apho.

Mnye umfazi owasalayo, elila ngasengcwabeni. UYesu wabonakala kuye! Wangxama wabyela emva egcwele yinivuyo wayokubikela abafundi Bakhe. “UYESU UYAPHILA! UYESU UBUYILE KWELABAFILEYO!”

Kwakamsinya uyesu weza kubafundi bakhe, wababonisa zandla zakhe ezinamanxeba ezikhonkwane ngenene kwakunjalo. UYESU WAYEPHILILE KWAKHONA! Wamxolela uPetros ngokumkhanyela kwakhe. Waza wenyuka wabuyela emazulwini apho wayevela khona ngeKrisimesi yokuqala.

Isiphelo

Usuku 4Usuku 6

Malunga nesi Sicwangciso

Ibhayibhile Yeyabana

Konke kwaqala kanjani? Sivelaphi? Kungani kukhona usizi oluningi emhlabeni? Ingabe ikhona ithemba? Ingabe kukhona ukuphila ngemva kokufa? Thola izimpendulo njengoba ufunda lomlando weqiniso wezwe.

More

Sithanda ukubulela iBible for Children, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://bibleforchildren.org/languages/xhosa/stories.php