Ibhayibhile YeyabanaIsampulu

Ibhayibhile Yeyabana

Usuku 3 LWE 7

UNowwa wayeyindoda eyayimkhonza imoyika uThixo. Wonke umntu wayemthiyile uThxo bengamhloneli kananjalo. Ngaminazana ithile UThixo wathetha into eyothusayo. Wathi uThixo ndizakuwubhubhisa umhlaba lusapho lwakho lodwa luyakusinda.

UThixo wamlumkisa ke uNowa ngoNogumbe ozakuna uzalise umhlaba. “Yakha inqaba umkhombe omkhulu ngokwaneleyo wena nosapho lwakho kunye nezilwanyana ezininzi.” Wanikwa umyalelo uNowa. UThixo wamnika umyalezo ongqalileyo uNowa waze waqalisa ukuxakeka esebenza.

Abantu babehlekisa ngaye uNowa xa wayebaxelela esakha umkhombe. uNowa waqhubeka esakha. Ebaxelela kananjalo abantu ngoThixo. Kodwa zange bamphulaphule.

UNowa wayenokholo olukhulu. Emthemba uThixo nokuba ingazange ine imvula ngaphambili. Waza umkhombe walungela ukuqabelisa imithwalo.

Ngoko zeza izilwanyane. UThixo wezisa izinambuzane ezisixhenxe, ezimbini zezinye. Iintaka ezinkulu nezincinane Izilo ezinkulu nezincinanenazo zangena emkhombeni.

Mhlawumbi abantu babemthuka uNowa xa engenisa izilwanyana emkhombeni. B Baqhubeka besona ebusweni bukaThixo. Abafunanga ukungena emkhombeni.

Ekugqibeleni, indalo yonke yayikhwela emkhombeni.” Khwela emkhombeni “uThixo wabiza uNowa. “Wena nosapho lwakho” UNowa, umkakhe, oonyana abakhe abthathu bakhwela emkhombeni. Waze waluvala uThixo ucango.

Yana ke imvula. UNogumbe wazalisa umhlaba intsuku ezingamashumi amane nobusuku nemini.

Izikhukhula zaphuphumela kwidolophu nasezilalini. Kuthe xa seyinqumamile imvula neentaba nazo zazogqunywe ngamanzi. Yonke into eyayinomphefumlo yabhubha.

Xa amanzi ayesonyuka umkhombe wadaa ngaphezulu. Mhlawumbi wawumnyama ngaphakathi, mhlawumbi unamagingxigingxi okanye usoyikeka. Kodwa umkhombe wazimelisa uNowa kuNogumbe.

Emveni kwenyanga ezintlanu zikzNogumbe, UThixo wathumela umoya wokomisa. Kancinane, umkhombe wemisa phezu kwentaba yeArafati.

UNowa wathumela iHlungulu neHobe ngentunja yasemkhombeni. Lakungafumaji ndaawo yomileyo ihobe labuyela kwasemkhumbini kuNowa.

Emveni kweveki, uNowa waphinda wazama. Ihobe labuya liphethe igqabi lomthi ngomlomo. Kwelandelayo iveki uNowa wayazi ukuba komile kuba ihobe alibuyanga.

UThixo wamxelela uNowa ukuba ithuba lifikile lokuba bawushiye umkhombe. Ekunye nosapho lwakhe uNowa bazikhupha izilwanyana emkhombeni.

Inokuba waba novulo olunjani uNowa. Wakha isibingelelo sokunqula uThixo omsindisileyo kunye nosapho lwakhe kwimvula enkulu unogumbe.

UThixo wanika uNowa umnqophiso omhle. Wathi akanakuze aphhinde athumele uNogumbe ukugweba umntu ngesono sakhe. UThixo wenza sikhumbuzo esikhulu sesithembiso sakhe. Umnyama wabasisithembiso sakhe uThixo.

UNowa nosapo lwakhe bafumana isiqalo esitsha emva kukaNogumbe. Ngexesha inzala yakhe izaliza umhlaba kwakhona. Zonke izizwe ezisemhlabeni zavelakuNowa abantwana bakhe.

Isiphelo

Usuku 2Usuku 4

Malunga nesi Sicwangciso

Ibhayibhile Yeyabana

Konke kwaqala kanjani? Sivelaphi? Kungani kukhona usizi oluningi emhlabeni? Ingabe ikhona ithemba? Ingabe kukhona ukuphila ngemva kokufa? Thola izimpendulo njengoba ufunda lomlando weqiniso wezwe.

More

Sithanda ukubulela iBible for Children, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://bibleforchildren.org/languages/xhosa/stories.php