Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ibhayibhile YeyabanaSample

Ibhayibhile Yeyabana

Usuku 6 LWE 7

Xa uYesu wayephila emhlabeni wabaxelela abafundi bakhe ngeZulu. Wayelibiza ngokuba “YINDLU KABAWO” Wathi zininzi indawo zokuhlala. Iphomakazi ke yindlu entle enkulu. IZulu yindawo entle kahulu kunazo zone izinto zalapha emhlabeni.

UYesu wathi “Ndiyzakuhamba ndiyokunilungiselela indawo. Ukuba ndihambile ndayokunilungiselela indawo, Ndiyakubuya kwakhona ndinamkelele kum.” UYesu wayaneZulwini, emveni kokuvuka kwakhekwelabafleyo. Wafukulwa lilifu abafundi bakhe bebukele wasithela kubo.

Emveni koko iKrisimesi sisikhumbuzo uYesu awasenzayo sokuba uyakubuya azokubalanda. uYesu wathi uyakubuya ngephanyazo engalindelwanga. Kodwa kuthiwani ngalo maKrestu afe engekabuyi. Ibhayibhile ithi bona bayakuba noYesu. Ukunabikho semzimbeni kukunye noBawo.

IZityhilelo incwadi yokogqibela eBhayibhileni, isixelela ngobuhle beZulu. Eyonanto intle ngolona hlobo. iZulu likhaya lika Thixo. UThixo ukwindawo zonke kodwa iTrone yakhe iseZulwini.

Iingelosi nezinye iziqu zazeZulwini zidumisa uThixo emazulwini. Nabobonke abntu bakaThixo abafayo baya eZulwini. Bacula bedumiisa uThixo ngengoma ezikhethekileyo. Nanga amazwi enye ingoma abayiculayo. UFANELWE KUBA WASIHLAWULELA NGEGAZI LAKHO WASIKHUPHA KUZO ZONKE IINTLANGA NASEZIZWENI WASENZA OOKUMKAZI NABAPRISTI KUTHIXO WETHU.

Awokugqibela amaphepha eBhayibhile alichaza “iZulu njengeJerusalem entsha”. Iindonga zenziwe ngelitye elinqabileyo elibengezelayo. Amajikazi namatye amahle anqabileyo ogqume umgangatho eludongeni etsho ngemibala emihle. Ilelo isangolenziwe ngeperile ezinkulu kakhulu!

Iingcango ezinkulu zeperile azivalwa. Masihambeni siyokubona WOW! IZulu lihle ngakumbi ngaphakathi. Izsixeko senziwe ngegolide esulungekileyo njengeglasi. Nezitalato zenziwe ngegolide.

Umlambo omhle osulungekileyo wobomi ompompoza usuka eTroneni kaThixo. Kumacala omabini omlambo kukho umthi wobomi, owasungulwa emyezweni eEden. Lo Mthi wobom ubaluleke kakhulu. Uthwala iziqhamo ezilishumi elinambini, ngazo zonke inyanga luhlobo olwahlukileyo nyanga nganye. Amagqabi awo loMthi wobomi ngawokuphilisa iintlanga.

IZulu alifuni langa okanye inyanga ukukhanyisa. Akukho busuku khona.

Nezilwanyana eZulwini zinomohluko. Zilulamile kwaye zinobubele. Ingcuka namaxhwane atya ingca ndawonye Kwaye neengonyama ezinamandla zitya ingca njengenkomo. UThixo uthi “Azinakulimaza ziyonakalise intaba Yam engcwele”.

Xa sijonga, siqwalasela ukuba kukho izinto ezingekhoyo eZulwini. Akukho mazwi anomsindo ongaweva. Akukho mnto ulwayo okanye owenza izinto zimbi. Akukho zitshixo eminyango.

Kuba akukho masela eZulwini. Akukho maxoki, babulali maxhwele. Nabantu abangalunganga. Akukho sono eZulwini.

EZulwini no Thixo akukho zinyembezi. Ngamanye amaxesha abantu bakaThxo bakhaliswa lusizi olukhulu kobubomi. EZulwini uThixo uyazosula iinyembezi.

Akukho nokufa ezulwini. Abantu bakaThixo bayakuphila ngonaphakade bayakuhlala noThixo ngonaphakade. Akukho lusizi nakukhala, nazintlungu. Akukho kugula akohlukwana akukho mingcwabo. EZulwini wonke umntu wonwabile ngonaphakade kunye noThixo.

Ubumnandi beZulu yeyabafana namantombazana (kuye nabakhulu) abo babekholelwa kuYesu Krestu njengoMsindisi baza bamthobela njengeNkosi. EZulwini kukho imcwadi ekuthiwa Yincwadi yoBomi yehxwane. Igcwele amagama abantu. Ngabe uyawazi na lamagama abhalwe phaya. Apha wonke umntu obetha ithemba lakhe kuYesu. Ingaba likhona elakho igama?

Amazwi okugqibela eBhayibhile ngeZulu asisimemo esihle. “UMoya oyigcwele nomakoti bath ‘Yiza!’ lowo uvayo athi ‘Yiza!’ Nalowo unxaniweyo makeze. Lowo unqwenayo asele amanzi obomi ngokukhululeka.”

Isiphelo

Day 5Day 7

Malunga nesi Sicwangciso

Ibhayibhile Yeyabana

Konke kwaqala kanjani? Sivelaphi? Kungani kukhona usizi oluningi emhlabeni? Ingabe ikhona ithemba? Ingabe kukhona ukuphila ngemva kokufa? Thola izimpendulo njengoba ufunda lomlando weqiniso wezwe.

More

Sithanda ukubulela iBible for Children, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://bibleforchildren.org/languages/xhosa/stories.php