Phila Ubomi ObunenjongoIsampulu

Phila Ubomi Obunenjongo

Usuku 1 LWE 7

UMthethosiseko woKwenza Into Efanelekileyo

Akukhathaliseki nokuba ngusopolitiko, inkokeli kwezoshishino, isithethi esikhuthazayo, okanye umntu nje, abantu kwiinkalo zonke zobomi ngamaxesha athile basebenzisa ukulunga koMthethosiseko woKwenza Into Efanelekileyo. Eneneni, phantse wonke umntu ukhe wawuva kwaye uyayazi intsingiselo yawo,

Inkoliso yabantu ingayivuma into ethi “izinto enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo” yinxalenye yoluntu efunekayo. Ngeendlela ezininzi yintsontelo edibanisainkcubeko yethu, iintsapho zethu nobuhlobo bethu. UMthethosiseko woKwenza Into Efanelekileyo ubonisa umvuzo wokunceda abanye abantu, ukubenzela ububele nokunceda abo baneemfuno.

UYesu wayila uMthethosiseko woKwenza Into Efanelekileyo ongomnye wezinto ezingundoqo zokuphila ubuKrestu ngempumelelo. UYesu wathi:

“Zonke izinto ke enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo. Yiyo leyo ke intsingiselo *yomthetho kaMosisi nomyalelo *wabashumayeli bamandulo.” UMATEWU 7:12

NjengamaKrestu, uThixo usibiza ngabanye ukuba sinyuse umgangatho wokholo lwethu ungabi yonto nje yokukholelwa kuThixo. Umnqweno wakhe ngowokuba sisonke ukholo lwethu silusebenzise ngokuchukumisa ubomi babanye abantu, ngaloo ndlela sibe sizukisa uThixo ngokubabonisa uthando nesisa. Oku ngenene kukuphila ngokoMthethosiseko woKwenza Into Efanelekileyo.

IsiBhalo

Usuku 2

Malunga nesi Sicwangciso

Phila Ubomi Obunenjongo

Ukuphila ngovuyo nangenjongo kusekwe phezu kolwalamano, uthando nokholo. Ukuba ufuna ukucaciselwa ngakumbi ngesicwangciso sikaThixo ngobomi bakho, sebenza ngesi sicwangciso ukuze sikuncede ugxile kwinzondelelo yakho nakufumano.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/