Phila Ubomi ObunenjongoIsampulu
Yiba liNgqina Elinamandla
Ukwazi ukuba lingqina elinamandla kweli hlabathi lethu kuqala ngokuqonda ukuba uThixo ufuna abanye abantu babone ntoni na ebomini bethu. Kambe impendulo ithi, uYesu. Ithetha ukuthini loo nto?
UYesu wasinika umzekelo ofezekileyo wendlela uThixo afuna siphile ngayo. Noxa uYesu wayephila ngexesha elahlukileyo kwelethu namhla, waqulatha imo epheleleyo sikaThixo kwaye usinika umzekelo ofanele le mihla sikuyo.
Yimo kaThixo ukunqwenela ukukhula ebomini bethu nokuqwalaselwa ngabanye. Le nto yenzeka kuphela ngolwalamano ngenkqu noYesu. UYesu wathi:
“Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam.” UYOHANE 15:5
“Udumo lukaBawo luyatshatshela xa nivelisa iziqhamo ezininzi, nisenjenjalo kuba ningabafundi bam.” UYOHANE 15:8
Njengoko isebe elihlala kumdiliya lifumana ubomi liba nesiqhamo, kukwanjalo nakuthi abahlala kulwalamano lethu noYesu – sineziqhamo – okanye sibonisa imo kaThixo ngobomi bethu kwabanye abantu.
“Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; 23ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.” KUMAGALATI 5:22-23
Xa imo kaThixo isebenza kuthi nangathi – uthando lwakhe, uvuyo, uxolo, umonde, ububele, ukulunga, ukuthembeka, ubulali nokuzoyisa, siba ngamangqina anamandla aphila ubomi bethu bemihla ngemihla.
Nanjengoko kwakunjalo ngemihla kaYesu, ukubonisa imo kaThixo ngaphandle, ngamandla ngobomi bethu – isiqhamo soMoya – akuthandabuzeki. Kugqalisa ngokufanayo amaKrestu nabangakholwayo, kwaye yinto eqhelekileyo ukuba ubani abuzise ngayo.
“Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo. Kodwa le nto yenzeni ngobulali nangembeko.” 1 KAPETROS 3:15
Hlalani nilungele. Ubani usenoba ukuqwalasele kwaye ubuzisa ngawe ungalindelanga kakhulu. Ingxelo yakho ngenkqu yosindiso neyommangaliso womsebenzi kaThixo oqhubekeka ebomini bakho yindawo entle onokuqala kuyo. Kwakhona, le ncwadi sesinye isixhobo ongasisebenzisa ukunceda omnye umntu awuqonde ngendlela elula umyalezo ongummangaliso wothando lukaThixo nosindiso olufumaneka kuye wonke umntu.
Malunga nesi Sicwangciso
Ukuphila ngovuyo nangenjongo kusekwe phezu kolwalamano, uthando nokholo. Ukuba ufuna ukucaciselwa ngakumbi ngesicwangciso sikaThixo ngobomi bakho, sebenza ngesi sicwangciso ukuze sikuncede ugxile kwinzondelelo yakho nakufumano.
More
Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/