Phila Ubomi ObunenjongoIsampulu
Ubudlelane namaKrestu
Ukunika amanye amakholwa inkuthazo, uthando namandla, yenye yezinto esimele ukuzibeka phambili kakhulu. Inyaniso yona yile yokuba siyafunana. Yindlela uThixo enze ngayo. UThixo akafuni ukuba umntu “abe lilolo”
“Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.” KUMAHEBHERE 10:24-25.
Inyaniso yeyokuba ukwakha kwethu ulwalamano namanye amaKrestu kubaluleke kakhulu ekukhulenikwethu. UThixo udla ngokwenza “amadinga angcwele” okuba sincedane okanye sikhuthazane xa kuthe kanti sithi sodwa abanokwenjenjalo.
“Kungcono abasebenzi babe babini kunokuba abe mnye, kuba baba nengeniso eyiyo ngomsebenzi wabo. Kaloku xa omnye ethe wawa omnye unokuphakamisa ugxa wakhe. Mawoo ke lowo uyedwa xa athe wawa! Akukho bani unokumphakamisa. Ewe, xa ababini belala ngangubo-nye abagodoli. Kodwa ke kunzima ukufudumala xa ulele wedwa. Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini banako ukumelana nohlaselo. Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima.” AMAVA ENGQONDI 4:9-12
Umthethosiseko wamandla ngokwamanani uyasebenza nalapha kumakholwa, kwaye ukuba nolwalamano oluqinileyo namakholwa esihamba nawo kuyasikhulisa kuhambo lwethu noThixo.
Icebo likaThixo ekusekeni icawe yendawo yalilelokuba udibane namanye amakholwa. Bandakanyeka wonwabele amaqithiqithi okupha nokwamkela iintsikelelo kubantakwenu kuKrestu.
Malunga nesi Sicwangciso
Ukuphila ngovuyo nangenjongo kusekwe phezu kolwalamano, uthando nokholo. Ukuba ufuna ukucaciselwa ngakumbi ngesicwangciso sikaThixo ngobomi bakho, sebenza ngesi sicwangciso ukuze sikuncede ugxile kwinzondelelo yakho nakufumano.
More
Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/