Phila Ubomi ObunenjongoIsampulu

Phila Ubomi Obunenjongo

Usuku 2 LWE 7

Uncedo lweMpumelelo yoLwalamano

Lonke ulwalamano, nomhlobo, ilungu losapho, umlingane okanye noThixo imbala, zimbini izinto ezingundoqo ezenza luphumelele: luthando ebantwini nokulusebenzisa olo thando.

Inyaniso yona yile yokuba uthando lusoloko luhamba nezenzo; umhlobo wenene obona omnye enemfuno uyamnceda. Kunjalo nakulwalamano noThixo. Ukuthanda uThixo ngenene kuhamba nezenzo; ezikukuchukumisa intliziyo kaThixo ngokuchukumisa ubomi babantu abasingqongileyo.

Ukulubonisa kangangoko ulwalamano nabanye abantu kuqala ngolwalamano lwethu noThixo. Eneneni, uThixo uthi ulwalamano lwethu nabanye abantu malube sisihlomelo solwalamano kwethu naye. Cinga imithetho emibini emikhulu yeBhayibhile evakaliswa nguYesu:

“Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.’ Owesibini ke ngulo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Akukho myalelo wumbi ubalulekileyo kunalé mibini. ” UMARKO 12:30-31

Njengamakholwa, ulwalamano lwethu noThixo kwanolwalamano lwethu yeyona nto ibaluleke kakhulu kuThixo – ukumthanda nokuthanda abanye abantu.

Usuku 1Usuku 3

Malunga nesi Sicwangciso

Phila Ubomi Obunenjongo

Ukuphila ngovuyo nangenjongo kusekwe phezu kolwalamano, uthando nokholo. Ukuba ufuna ukucaciselwa ngakumbi ngesicwangciso sikaThixo ngobomi bakho, sebenza ngesi sicwangciso ukuze sikuncede ugxile kwinzondelelo yakho nakufumano.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/