Phila Ubomi ObunenjongoIsampulu

Phila Ubomi Obunenjongo

Usuku 4 LWE 7

Ukunika Abanye Abantu uThando

Ngothando lwethu lukaThixo olunodlamko nolukhulayo olusebenza ebomini bethu, amandla ethu okuthanda abanye abantu nawo aza kukhula. Ngothando olukhulayo lokuthanda abanye abantu kubakho umnqweno okhulayo wokulubonisa olo thando, ngaloo ndlela kuzaliseke enye yeenjongo ezibaluleke kakhulu zokudalwa nguThixo.

“Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.” KWABASE-EFESE 2:10

Bekukwisicwangciso sikaThixo lonke eli xesha ukuba uthando luhambe nezenzo. Thina ngabanye sinendawo kwisicwangciso esikhulu sokuchukumisa ubomi babanye abantu ngemisebenzi emihle.

Qho xa sichukumisa ubomi bomnye umntu ngelizwi elinobubele, sisabela imfuneko ethile, okanyengokumamela nje intliziyo eyaphukileyo, asaneli kuvakalisa kuphela uthando lwethu, sikwavakalisa ukuthandwa kwaloo mntu nguThixo ngenxa yethu. Ngokwenjenje, siba ngabenzeleli abangqundoqo bokukhanyisa ngamandla uzuko lukaThixo kwihlabathi elizele bubumnyama nokuphelelwa lithemba. Cinga amazwi kaYesu:

“Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala. Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini. Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.” UMATEWU 5:14-16

Ukukhanyisa ukhanyiso lwethu ngenene kukuvumela ukhanyiso lukaThixo lukhanye ngaphakathi kuthi. Kukho iindlela ezintathu ezibalulekileyo zokukhanyisa uzuko lukaThixo kwabanye abantu: kukuba lingqina elinamandla, ukunceda abanye abantu; nokumanyana namaKrestu. Ukusebenzisa ukholo lwethu ngezi ndlela zintathu kwenza abanye baluve uthando lukaThixo, isisa nenceba yakhe, konke oku egameni lozuko lwakhe.

Usuku 3Usuku 5

Malunga nesi Sicwangciso

Phila Ubomi Obunenjongo

Ukuphila ngovuyo nangenjongo kusekwe phezu kolwalamano, uthando nokholo. Ukuba ufuna ukucaciselwa ngakumbi ngesicwangciso sikaThixo ngobomi bakho, sebenza ngesi sicwangciso ukuze sikuncede ugxile kwinzondelelo yakho nakufumano.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/