Phila Ubomi ObunenjongoIsampulu
Nceda abanye
Inkcazelo elula yokunceda kukufumaneka usabele imfuno yomnye umntu. Oko kusabela kusengafuna ixesha lethu, italente, izixhobo nomzamo; kodwa ukunceda ngenxa yokuthanda uThixo nabanye abantu ingangeyona nto ivuyisa kakhulu nevuzayo.
“Umntu onikwe isiphiwo esithile nguThixo makasisebenzise ekuncedeni abanye, njengegosa lokwaba isisa sikaThixo esintlobo-ntlobo.”
1 KAPETROS 4:10
“Ziboneleleni iintswelo zamakholwa, nizikhathaze ngokubuka iindwendwe.” KWABASEROMA 12:13
Ukusabela iimfuno zabanye abantu kuza ngeendlela ezininzi kwaye kunokugxila kumaKrestu nakubangakholwayo ngokufanayo. Amathuba okunceda kwicawe yendawo ngenkqu okanye njengenxenye yeqela asoloko ekho. UNAYO into ebaluleke ngokungakholelekiyo onganikela ngayo.
Akhona namathuba akhoyo ngokudibana nijongane ubuso ngobuso nabanye abantu, okanye ngokuthi nje ujonge imfuno yomntu usabele uncede ungacelwanga.
Nakuphi na ukusabela okwenzayo, kungakhathaliseki noba kungexesha, izixhobo, italente okanye nje ngamazwi akhuthazayo, loo nto kukunceda. Kodwa uThixo ukwayiqonda into yokuba amandla ethu aqhoboshekilemalunga nezinto esinokuzenza, ngoko ke ulindele ukuba sibonise uxanduva nobugosa obulungileyo xa sizibophelela.
“Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele.”
2 KWABASEKORINTE 9:7
Umnqweno kaThixo ngowokuba esikwenzayo sikwenze ngoncumo. Noxa kwabanye bethu kunzima ukuthi hayi, inyaniso yeyokuba xa sizisebenzisa kakhulu loo nto ekugqibeleni ingasivimba ulonwabo novuyo uThixo afuna sibe nalo xa sinceda.
Malunga nesi Sicwangciso
Ukuphila ngovuyo nangenjongo kusekwe phezu kolwalamano, uthando nokholo. Ukuba ufuna ukucaciselwa ngakumbi ngesicwangciso sikaThixo ngobomi bakho, sebenza ngesi sicwangciso ukuze sikuncede ugxile kwinzondelelo yakho nakufumano.
More
Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/